Skip to main content
x

From The Desk of the President

Bantu bakuthi abathandekayo baseMzantsi Afrika,
 
Ukususela ekuqaleni kwekaCanzibe, ekuqaleni kwethu ukunyenyisa kancinci-kancinci imimiselo yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwezwelonke ngenxa yentsholongwane i-corona, uninzi lwabantu luqalisile ukubuyela emisebenzini.
 
Njengenxalenye yokubuyisela uqoqosho izigaba ngezigaba, iinkampani eziliqela kumashishini acacisiweyo zikwazile ukuqalisa inxalenye okanye yonke imisebenzi yazo.
 
Inqanaba lokuhlala siphaphile lesizwe lentsholongwane i-corona ngoku likwinqanaba lesine, oku kuthetha ukuba ukulumka ngokugqithisileyo kusahleli kukho ukunciphisa usuleleko kuluntu. Injongo yethu ephambili kukunciphisa kancinci-kancinci inqanaba lokuhlala siphaphile ngokugcina izinga losuleleko lisezantsi nokwenza inkqubo yezempilo yethu ilungele ukwanda kwenani labantu abazakosuleleka.
 
Njengokuba ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kunyenyiswa kancinci-kancinci, ubomi buza kubuyela esiqhelweni ngokucothayo. Kodwa abuzikuba bubomi obufanayo nobo besibuqhelile ngaphambili. 
 
Ngeli xesha kusekuninzi okungaziwayo ngalo bhubhane, iingcali ngoku ziyavumelana ukuba le ntsholongwane iseza kuhlala iyingxaki aza kujamelana nayo amacandelo ezempilo ehlabathi jikelele ixesha elide.
 
Ngoko ke kufuneka sikulungele ukuphila nentsholongwane i-corona isithuba esingangonyaka nangaphezulu.
 
Kufuneka silungele ukumelana nemeko entsha apho ukulwa i-COVID-19 kuza kuba yinxalenye yokuphila kwethu umhla nezolo.
 
Impumelelo yethu yokoyisa intsholongwane i-corona ekugqibeleni iza kuxhomekeka kwiinguqu esizenzayo kwindlela esiziphatha ngayo.
 
Nkqu nasemva kokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile – ingakumbi emva kokupheliswa kokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile – kusafanele sikuthobele ukugcina umgama phakathi kwethu nabo basingqongileyo, sinxibe izigqubuthelo-buso (iimaski), sizihlambe rhoqo izandla, sikuthintele ukudibana nabanye abantu.
 
Kuza kufuneka sizihlengahlengisile iindawo zempangelo, izikolo, iidyunivesithi, iikholeji kunye nezinye iindawo zikawonkewonke ukunciphisa usuleleko.
 
Kuza kufuneka samkele iindlela ezintsha zokukhonza, zokonwaba, zokuzivocavoca nokudibana oko kunciphisa amathuba okunwena kwale ntsholongwane.
 
Le yimeko amazwe ehlabathini jikelele ekufanele ejongene nayo. Nkqu naloo mazwe sele eqalisile ukunyenyisa izithintelo zokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kuwo akwenza oko ngokulinga nangokulumka okugqithisileyo.
 
Njengoko senzile, amazwe amaninzi afezekisa iinkqubo ezibanzi zokuvuselela ukuxhobisa nokomeleza amacandelo wawo enkathalelo yezempilo, ukuxhasa amashishini asezinkathazweni nabasebenzi nokubonelela ngoncedo amakhaya ahlelelekileyo. 
 
Njengathi, kuye kwafuneka benyamekele izimbonono zokuba imisebenzi yezoqoqosho mayiqalise. Njengabemi bakuthi, abemi bawo baneenkani kwaye baziva behluphekile kukuncitshiswa kwamalungelo abo.
 
Kwangaxesha nye, iingcali zezempilo ehlabathini jikelele zilumkisa ngokuqhambuka kwesi sifo kwakhona’ njengokuba ubomi babantu bubuyela esiqhelweni. Uninzi lamazwe luquka i-Germany, i-Iran ne-China abone ukunyuka kwenani labantu abosuleleka okokuqala ukususela oko athe anyenyisa izithintelo ezithile.
 
Asiyi kwahluka nganto nathi. Singalindela ukunyuka kwabantu abosulelekayonjengokuba uninzi lwabantu lubuyela emisebenzini. Kufuneka siyamkele le meko, siyilungiselele kwaye siziqhelanise nayo. 
 
Isigaba esilandelayo sokusabela kwethu njengesizwe siyafana malunga nokuqhubeka njengokuba simalunga nokutshintsha okanye ukuvelisa okutsha. Siza kuqinisela ukwenza uvavanyo lwethu olunzulu, uhlolo nenkqubo yokunyanga abo banale ntsholongwane. Siza kuvelisa amanyathelo amatsha okwenza ukulandela umkhondo wabantu abebedibene usebenze nangakumbi. 
 
Siza kudinga ukufezekisa ngobuninzi ukucocwa ngesibulali zintsholongwane kweendawo zempangelo, izithuthi zikawonkewonke kunye nezinye iindawo.
 
Ukususela mhla kwaqala ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwezwelonke, uninzi lwabantu baseMzantsi Afrika bayithobele imimiselo emiselweyo ukwenzela impilo nokhuseleko lwabo. Bathathe isigqibo esikrelekrele ngokwenza oko, ukuqonda ukuba siyimfuneko kubomi babo kunye nobabanye abantu ababangqongileyo.
 
Njengokuba izithintelo kwiintshukumo zezoqoqosho nobomi bemihla ngemihla zinyenyisiwe, kubalulekile ukuba bonke abantu baseMzantsi Afrika bagcine la ngqondo izinzileyo yenkathalo yobuntu. Kuko konke esikwenzayo, kuwo onke amanqanaba obomi, kufanele sikhathalele ubomi bethu kunye nempilo yabanye.
 
Nokuba njengomntu ngamnye, abaqeshi, abasebenzi, urhulumente, uluntu, imibutho yabasebenzi okanye abezoshishino, siza kuhlala sinendima ekufanele siyidlalile ukulwa lo bhubhane.
 
Ngendlela efanayo nangokuya kwakufanele sitshintshe indlela esiziphethe ngayo ukuthintela ukwanda kweNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV), ngoku kufanele sitshintshe indlela esiziphethe ngayo ukunqanda intsholongwane i-corona.
 
Ukumisela ummiselo wokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwezwelonke kuncede ilizwe lethu. Kusinike ixesha elibaluleke kakhulu lokulungiselela inkqubo yethu yezempilo nokumisela amanyathelo okunqanda ukwanda kwayo. Oku kuluthothisile usuleleko kwasindisa nobomi. 
 
Ukutshintshela kwisigaba esilandelayo sokusabela kwintsholongwane i-corona, ukubuyisela kwisiqhelo, kuza kuba nzima kakhulu kunesangoku. Umngcipheko wokuqhambuka kwesi sifo kwakhona uza kwanda. Umthamo wabantu abafuna uncedo lweekliniki nezibhedlele zethu kunye nolwabasebenzi bezempilo uza kwanda.
 
Kungoko ukunyenyiswa kwezithintelo zokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kungafuneki kukhokelele ekuziphatheni ngokungakhathali kwabantu okanye ukwenza ngokungakhathali kwamashishini axabise ukuqalisa ngemisebenzi yawo ngaphezulu kwempilo yabantu.
 
Lo bhubhane wentsholongwane i-corona uza kudlula. Kodwa lo gama isahleli iyingozi kubomi babantu bakuthi, kufuneka sihlale siphaphile, sinenyameko kwaye sinenkathalo.
 
Ngoku, ngaphezulu kunangaphambili, ubomi bethu sonke buxhomekeke kwindlela esiziphethe ngayo. 
 
Ngeminqweno emihle,

Signature

 Union Building