Skip to main content
x

IKhabhinethi ibidibene ngoLwesithathu, umhla we-16 KweyeDwarha yowama-2019 e-Tuynhuis eKapa

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni

1. ISalathiso soKhuphiswano kwiHlabathi Jikelele  


1.1. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo ezikhutshwe siSalathiso soKhuphiswano kwiHlabathi Jikelele sonyaka seQonga lezoQososho leHlabathi esibonakalisa ukuba uMzantsi Afrika unyuke iindawo ezisixhenxe; ukuwenza ukuba ube nomtsalane ngakumbi kubatyali-mali nokunokudala imisebenzi edingeka kakhulu. 
1.2. Le ngxelo ithi uMzantsi Afrika wenze ‘inkqubela encomekayo’ ngokumalunga nomgangatho wamaziko, okufana nokubuyisela uzinzo  kuwo onke amaqumrhu karhulumente, nokuphucula ulawulo kurhulumente nolawulo lezoshishino. 
1.3. UMzantsi Afrika ukwafumene amanqaku ali-100 “kwicandelo lezorhwebo ngezabelo, eleze-inshorensi kunye nelokunikezelwa kwamatyala nezikweliti,” waza wabekwa kwindawo ye-19 kwihlabathi jikelele kwicandelo lolawulo nonaniselwano ngezimali. Le ngxelo kwakhona ilibeka eli lizwe kwizinga eliphezulu kuba lineziseko  ezingundoqo zezothutho eziphucukileyo kulo mmandla” (libekwa kwinqanaba lama-45) lize, ngokobukhulu beli candelo  (libekwe kwindawo yama-35). 
1.4. Ukuphucuka kwendawo obekwa kuyo kungqina ukuba amanyathelo okungenelela karhulumente omeleza iziseko zoqoqosho kwaye kuqalisile ukuvelisa iziqhamo ezincomekayo. IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bakhele kule misebenzi mihle kangaka xa siKhulisa uMzantsi Afrika siSonke.

2. Utyalo-mali

2.1. IKhabhinethi iyalwamkela utyalo-mali labakwa-Toyota South Africa alenze eKenya noluza kubona eli lizwe lidibanisa izixhobo neentsimbi ze-Toyota Hilux eziza kuveliswa kumzi-mveliso wale nkampani oseThekwini. Oku kuhambelana nokuqhubela phambili urhwebo phakathi kwamazwe ase-Afrika nokomeleza icandelo lokuveliswa kweemoto kweli lizwekazi. 
2.2. Njengenxalenye yokutsala abatyali-mali abongezelelweyo, uMongameli uCyril Ramaphosa ukwabambe iindibano bucala nabatyali-zimali neenkokheli zezoshishino ngethuba kubanjwe iNgqungquthela yesi-6 ye-Afrika ne-Financial Times ebibanjelwe e-London. Ibe nguye onikezele ngodlwabevu lwentetho yokuvula le ngqungquthela, nebigxile kwimicimbi yezoshishino namathuba kumazwe ase-Afrika. 
2.3. Eyesibini iNgqungquthela yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika iza kuqhuba ukusukela ngomhla we-5 ukuya kowe-7 kweyeNkanga yowama-2019. Le ngqungquthela iza kuphinda izame iindlela zokuqokelela enye imali yotyalo-mali eyitriliyoni eyi-1.2 yeerandi kule minyaka mihlanu izayo ize iphakamise eli lizwe njengeyona ndawo iphambili inokukhethwa yokwenza utyalo-mali.

3. Ulondolozo lwamanzi

3.1. Njengokuba sisondela kwiinyanga zehlobo, iKhabhinethi icela bonke abantu ukuba basebenzise amanzi ngobulumko nangobunono.
3.2. IKhabhinethi iyaluncoma uluntu ngomonde walo osaqhubekayo ngexesha lokuvalwa okucetyiweyo kweLesotho Highlands Water Project yiLesotho Highlands Development Authority kunye ne-Trans-Caledon Tunnel Authority kwinyanga yeDwarha neyeNkanga yowama-2019. Oku kuvalwa kokokuvumela ukulungiswa kwesiqhelo, nokuyimfuneko okwenziwa emva kweminyaka eli-10. 
3.3. Kuphunyezwe amanyathelo okungenelela angxamisekileyo ukunceda ukuphungula umonakalo onokwenziwa yimbalela egqubayo eMntla Koloni. La manyathelo okungenelela ayinxalenye yenkqubo yenkxaso yamafama edibeneyo nohlengahlengiso lomhlaba, i-Land Reform and Integrated Farmer Support Programme. Imali emalunga nama-30 ezigidi zeerandi yaphinda yabekelwa bucala ukwenzela ungenelelo olukhawulezileyo ekuthengweni nasekuhanjisweni kokutya kwemfuyo yamafama njengesisombululo sexeshana elifutshane. Kwakhona urhulumente uza kwandisa umthamo wamanzi ngokugrumba eminye imingxuma yokutsala amanzi kwimimandla ethwaxwa ngamandla yimbalela kweli phondo.  
3.4. Ukongeza kwizicwangciso zokulungiselela okungekehli zeSebe lezaManzi noGutyulo, iKhabhinethi ibongoza bonke abantu kweli lizwe ukuba baqhubeke ngokulondoloza amanzi, njengoko uMzantsi Afrika ulilizwe elinqatyelweyo ngamanzi.

4. Iimviwo zeSatifiketi esiPhezulu seSizwe (i-NSC)

4.1. IKhabhinethi inqwenela bonke abafundi okuhle njengokuba belungiselela iimviwo zabo zokuphela konyaka. Iimviwo ze-NSC zaBafundi beMatriki bowama-2019 ziza kubhalwa ukususela ngomhla wama-23 kweyeDwarha ukuya kowama-28 kweyeNkanga. Ngabafundi abangama-629 197 abafunda emini ngexesha lesikolo kunye nabangama-122 471 abafunda ngembalelwano nasemva kokuphuma kwesikolo ababhalisele ukubhala ezi mviwo.
4.2. IBhunga lokuQinisekiswa koMgangatho weMfundo Jikelele noKwandiswa kweMfundo noQeqesho (Umalusi) liqinisekisile ukuba iSebe leMfundo esiSiseko kunye namasebe amaphondo akulungele ukubhalisa iimviwo ze-NSC zowama-2019.
4.3. IKhabhinethi ikhuthaza abazali nabalondolozi ukuba baxhase abantwana babo ngako konke okusemandleni ngeli xesha belungiselela ukuqukumbela iminyaka yabo eli-12 yokuhamba isikolo. Uluntu luyabongozwa ukuba ludalele abantwana imo efanelekileyo yokubhala iimviwo zabo zokugqibela.

5. ISkimu soNcedo lwezeZimali yokuFunda seSizwe (i-NSFAS)

5.1. IKhabhinethi ibongoza bonke abafundi abaselungelweni lenkxaso-mali ye-NSFAS lonyaka wama-2020 ukuba bafake izicelo. Ixesha lokufaka izicelo ze-NSFAS ngabafundi abanqwenela ukuqhubeka ngezifundo zabo kwiidyunivesithi nakwiikholeji zobuChwepheshe neMfundo yezaKhono noQeqesho (ii-TVET) livulwe ngokusesikweni.
5.2. Umhla wokuvala ukufakwa kwezicelo ze-NSFAS usezinzulwini zobusuku ngomhla wama-30 kweyeNkanga yowama-2019. Bonke abo sele bexhamla kwesi skimu akukho mfuneko yokuba baphinde bafake izicelo. 

6. IXesha leRhafu 

6.1. IKhabhinethi iyazincoma izigidi zabahlawuli-rhafu abasele bewagcwalisile amaxwebhu wabo werhafu. Ukuqokelelwa kwerhafu okuchanekileyo nokugqibeleleyo kuko okuqinisekisa ulawulo lwezezimali oluhle.   
6.2. INkonzo yezeRafu yaseMzantsi Afrika (i-SARS) iza kuvula ngeMigqibelo ukususela ngensimbi ye-8:00 ukuya kwintsimbi ye-13:00 kwinyanga yeDwarha yowama-2019 ukunceda abahlawuli rhafu ukuba bagcwalise amaxwebhu wabo werhafu yengeniso yobuqu.
6.3. Abahlawuli rhafu bayakhunjuzwa ukuba bagcine zonke izibalo neziqinisekiso ezixhasa ukubalelwa kwabo ukuze zixhase inkqubo yokugcwaliswa kwamaxwebhu wabo. Abahlawuli berhafu bakhuthazwa kakhulu ukuba basebenzise amaqonga e-intanethi akwa-SARS, i-eFiling kunye ne-SARS MobiApp.  La maqonga anobuxhaka-xhaka obulula ukubusebenzisa futhi asebenza imini nobusuku, ntsuku zonke.    

7. Ubundlobongela obugxile kwezesini nokubulawa kwabasetyhini ngamadoda (i-GBVF) 

7.1. IKhabhineti iyabancoma abecuphi beCandelo lobuNdlobongela kwiiNtsapho, uKhuselo lwaBantwana namaTyala ezeSondo leNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) kwiphondo laKwaZulu-Natal, ngokusebenza ngokuzinikela ukuqinisekisa ukuba kuwiswe izigwebo zobomi ezingama-35 nezokuvalelwa entolongweni eziyiminyaka engama-621 kubophuli-mthetho bezesondo ngenyanga yoMsintsi nje yodwa.      
7.2. IKhabhinethi ihleli izinikele ekomelezeni amaziko karhulumente ukuqinisekisa ukuba abenzi be-GBVF babanjwa ngokukhawuleza baze bajongane nengalo yomthetho. IKhabhinethi iyaphinda imema uluntu ukuba luqhubeke ukusebenzisana nee-arhente zogcino-mthetho ukuphelisa ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana eMzantsi Afrika.  

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. IsiCwangciso sokuXhobisa esiDibeneyo (i-IRP) sowama-2019 


1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukubhengezwa kwe-IRP2019, esisicwangciso esinika iingxelo ngeentlobo  ezahlukeneyo zamandla ezicetywayo kweli lizwe ukususela ngoku ukuya kowama-2030.  
1.2. Ngenyanga yeThupha yowama-2018, iKhabhinethi ikwamkele ukukhutshwa koyilo lwe-IRP2018 ukuze kubanjwe iindibano zokubonisana noluntu ngalo, neziqhubeke phakathi kweyoMsintsi neyeNkanga yowama-2018. Uninzi lwezimvo zoluntu, izifundiswa, ingcaphephe kwicandelo lezamandla  kunye nabadlali-ndima ababalulekileyo abafana neBhunga leSizwe loPhuhliso lwezoQoqosho  nezabaSebenzi (i-Nedlac) kunye neKomiti yeMicimbi yeSebe lezaMandla, zifakiwe kwi- IRP2019. 
1.3. Esi sicwangciso sicebisa ngeenkqubo zokungenelela ezilithoba ukuqinisekisa ukuba eli lizwe liyakwazi ukumelana neengxaki zezamandla kule minyaka ilishumi izayo.
 Ezi nkqubo zokungenelela zithatyathelwe kwimeko yangoku yomthamo wombane okhoyo nosetyenziswayo kweli lizwe kunye nezivumelwano eli lizwe elizityikitye namazwe ehlabathi ezilithintela ukuba lingakuphi isisi esininzi kakhulu esinegalelo kungcoliseko lomoya.   
1.4. Esi sicwangciso sihambelana nenkqubo-sikhokelo yalo mgaqo-nkqubo ukhuthaza ukuba eli lizwe lisebenzise iintlobo ezahlukeneyo zamandla kunokuba lixhomekeke kakhulu kumthombo wezamandla omnye okanye kwembalwa. Siza kuhlaziywa ngokuhambelana nokuguquka kobume becandelo lezamandla.  
1.5. Le IRP2019 yamkelweyo iza kubhengezwa kwiphephandaba loMbuso kwaye iza kufumaneka kwiwebhusaythi yeSebe leMithombo yeziMbiwa nezaMandla ku: www.dmr.gov.za.

2. INtetho ngoMgaqo-nkqubo woHlahlo lwaBiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS)

2.1. UMphathiswa wezeZimali uTito Mboweni uyazise ngokusesikweni iKhabhinethi nge-MTBPS. UMphathiswa uza kufaka i-MTBPS ePalamente, apha ekuhambeni kwale nyanga, neza kuveza uhlengahlengiso kuhlahlo lwabiwo-mali lesizwe ukuqinisekisa uzinzo lwezezimali.
2.2. IKhabhinethi iqinisekile ukuba i-MTBPS iza kubonakalisa kubemi baseMzantsi Afrika nakubatyali-mali ukuba urhulumente uzinikele ekulawuleni uqoqosho ngendlela ezinzileyo nenenkathalo. 

3. INkqubo-sikhokelo yeSizwe yoPhuhliso loMhlaba woKwakha iiNdawo zokuHlala (i-NSDF) 

3.1. IKhabhinethi ikuphumezile ukupapashwa kwe-NSDF ukuze uluntu luhlomle. Le nkqubo-sikhokelo ineengcebiso ngeendlela zokungenelela eziza kwenza utshintsho kumaphulo ophuhliso asekelwe kubuhlanga, aqhubekayo nokukhuthaza ukwanda kokungalingani phakathi kweendawo ezihlala iintlanga ezahlukeneyo zeli. Le nkqubo-sikhokelo  icacisa imimandla enamathuba ize futhi inike neengcebiso ngeendlela ezihlakaniphileyo zokulawula ubutyebi bendalo beli lizwe kunye nendalo uqobo.
3.2. Le nkqubo-sikhokelo icebisa ukuba amaphulo ophuhliso lweendawo ezihlala abantu kufuneka aqhutywe ngendlela eza kuxhasa uphuhliso lwelizwe lwezoqoqosho nezentlalo oluzinzilieyo, kwaye inika ingcaciso edibeneyo netyebileyo ngeendlela amacandelo ahlukeneyo ekufuneka awuqhube ngayo umba wophuhliso lomhlaba weendawo ezihlala uluntu. 
 
4. INgxelo yeNkqubo yeSizwe eDibeneyo yeeNkcukacha zeziBonelelo  zezeNtlalo (i-NISPIS)

4.1. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zezemfundo zohlolo olwenziweyo kubo bonke abaxhamli bezibonelelo zezentlalo beBanga le-12 ngowama-2018. Olu lwazi lufumaneke kwi-NISPIS, nethi iphande abafundi ngokusebenzisa iinombolo zamaxwebhu wabo ezazisi, uhlobo lwezibonelelo ababezifumana kunye nezikolo abafunda kuzo.
4.2. Ngokutsho kwale nkqubo, kubafundi abangama-400 761 abathe baziphumelela iimviwo zabo ze-NSC, abangama-237 114 kubo ngabaxhamli bezibonelelo zezentlalo. Malunga nama-36% kubo bafumene izidanga zemfundo enomsila, ama-38% afumene iidiploma aze ama-26% afumana izatifikethi zemfundo ephakamileyo.  
4.3. Ezi ziphumo zingqina iziphumo ezihle zamaphulo okungenelela karhulumente, ngokukodwa ekuphuculeni ubomi babo bahluphekileyo nabantwana abangenabani.  

5. IKomiti yaBaphathiswa (i-IMC) engoHlengahlengiso loMhlaba 

5.1. IKhabhinethi yaziswe ngokusesikweni ngenkqubela eyenziwe yi-IMC ngoHlengahlengiso loMhlaba ekukhawuleziseni ukuhlengahlengiswa nokunikezelwa komhlaba ngokukhululelwa komhlaba karhulumente ukuze kwakhelwe uluntu iindawo zokuhlala.   
5.2. IKhabhinethi iyamkele inkqubela eseyenzwe yi-IMC. Ukongeza apho izamkele iziphakamiso ngomhlaba ochongiweyo karhulumente. Zizahlulo ezimalunga ne-167 zomhlaba karhulumente olingana neehektare ezingama-14 105 ophantsi kweSebe lezeMisebenzi yoLuntu neziSeko ezinguNdoqo ziphunyeziwe ukuba zikhululelwe ukwakhela ukuhlaliswa koluntu ngokunikezelwa kweGunya lokuMela njengeGqwetha kwi-Arhente yoPhuhliso lwezeZindlu (i-HDA). I-HDA yi-arhente yokwakha karhulumente yesizwe ethi ifumane ize ilungise umhlaba kwakunye nokuwakha nokulawula iprojekthi yokwakhiwa kwezindlu nokuhlaliswa koluntu.    
5.3. IKhabhinethi ikwakuphumezile ukuba zinqunyanyiswe iinkampani zikarhulumente namanye amaqumrhu karhulumente ekunikezeleni ngawo nawuphi na umhlaba wawo.  

C. Imithetho esayilwayo 

1. UMthetho osaYilwayo ongoNgcoliseko lwaseManzini yi-Oli (ukuLungela, ukuSabela neNtsebenziswano) wowama-2019


1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa koMthetho osaYilwayo ongoNgcoliseko lwaseManzini yi-Oli (ukuLungela, ukuSabela neNtsebenziswano) wowama-2019, nowenza ukuba isiVumelwano seZizwe ngezizwe sokuLungela ukuSabela neNtsebenziswano sowe-1990 sisebenze.
1.2. Isivumelwano sezasemanzini sezizwe ngezizwe siseka imimiselo yokusebenza ngezehlo zongcoliseko lwasemanzini yi-oli apha elizweni kunye nokusebenzisana namanye amazwe. UMzantsi Afrika lilungu loMbutho wezaseManzini weHlabathi, noyi-arhente yeZizwe eziManyeneyo ejongene nokukhuthaza ukhuseleko lweenqanawa elwandle nokuthintela ungcoliseko lwasemanzini. 
1.3. Xa lo Mthetho usaYilwayo uphunyeziwe wangumthetho, uza kwenza ukuba uMzantsi Afrika ukwazi ukuwasebenzisa la malinge, iinkqubo zoqeqesho nezokusebenza uze ukwazi ukukhupha iinkqubo zezaziso ezingokuchitha okanye ukuphalaza kweenqanawa ezidlula kumanxweme aseMzantsi Afrika. 

D. Imisitho Ezayo

1. INkongolo yeziXeko eziManyeneyo nooRhulumente baseKhaya (i-UCLG): INgqungquthela yeHlabathi yeeNkokheli zaseKhaya nezoMmandla


1.1. INkongolo ye-UCLG: INgqungquthela yeeNkokheli zaseKhaya nezoMmandla iza kubanjwa ukususela ngomhla we-11 ukuya kowe-15 kweyeNkanga yowama-2019 eAlbert Luthuli International Convention Centre eDurban. 
1.2. Le ngqungquthela, iququzelelwe yi-UCLG, yeyona ndibano ibaluleke kakhulu yehlabathi yoosodolophu, ooceba, oorhulumente basekhaya namahlakani wabo ehlabathi jikelele. Iza kuba yingqungquthela yokuqala elandela emva kweNkomfa i-Habitat III kwaye iza kufumana ingxelo ngomgama osele uhanjiwe mayelana namaphulo okufezekiswa kweeNjongo eziPhambili zoPhuhliso oluZinzileyo kunye nefuthe lazo koomasipala. 

2. UkuMiliselwa kweNkqubo  yoPhuhliso yeSithili saseThekwini nguMongameli

2.1. Ukumiliselwa kwenkqubo yophuhliso ekhokelwa zizithili/izixeko ezimbaxa eThekwini ngoLwesihlanu, umhla we-18 kweyeDwarha e-Princess Magogo Stadium KwaMashu.   
2.2. Njengenxalenye yokumilisela, uMongameli uRamaphosa uza kuvula  i-Mara Phone, engumzi-mveliso omtsha owenza iiselula we-Mara Group, eyinkampani enkulu ephuma kweli lizwekazi le-Afrika. Olu tyalo-mali kwicandelo lobuchwepheshe obukumgangatho ophezulu luyinxalenye yezibhambathiso ezenziwa kwiNgqungquthela yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika kulo nyaka uphelileyo. 
2.3. UMongameli uRamaphosa uza kutyelela neSikhululo samaPolisa sase-Inanda  ukuyokukhangela imiba yezokhuselo nokhuseleko, ngeli xesha uMphathiswa wezeMpilo, uGqirha Zweli Mkhize, yena eza kutyelela amaziko ezempilo.  

3. INgqungquthela yezoQoqosho ye-Russia ne-Afrika 

3.1. UMongameli uRamaphoa uza kukhokela igqiza laseMzantsi Afrika ukuya kwiNgqungquthela yokuqala yezoQoqosho ye-Russia ne-Afrika, ezakubanjelwa e-Sochi, e-Russia ukususela ngomhla wama-23 ukuya kowama-24 kweyeDwarha yowama-2019. 
3.2. Le ngqungquthela iza kugxila kwimiba engundoqo yentsebenziswano phakathi kwe-Russia namazwe ase-Afrika. Iingxoxo ziza kugxila kwiintsika ezingundoqo ezintathu: “uKwakha amaKhonkco ezoQoqosho”, “ukuDala iiProjekthi eziDibeneyo” kunye “neNtsebenziwano kwiCandelo loLuntu neleZentlalo”. 

E. Imiyalezo 

1. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano:

  • kubantu norhulumente waseJapan emva kwenkanyamba ethe yagqugqisa kweliya lizwe, yabulala inani elivisayo yonakalisa neziseko ezingundoqo.   

2. IKhabhinethi ivuyisana:

  • namaBhokobhoko ngokufikelela kwinqanaba lomlenze wesine ukuya kowamagqibela kankqoyi (i-quarter-finals) weNdebe yeHlabathi yeBhola yoMboxo yowama-2019 eJapan kwaye ibanqwenela okuhle njengoko beqhubela phambili kolu khuphiswano.   
  • NeNkulumbuso u-Abiy Ahmed Ali yase-Ethiopia, nethe yawongwa ngeMbasa yoXolo kaNobel yowama-2019 ukuhlonipha amalinge wakhe okuzisa uxolo nentsebenziswano yezizwe ngezizwe ngokukodwa, amalinge wakhe okuphelisa ukujongana ngezikhondo zamehlo kwakudala phakathi kwe-Ethiopia ne-Eritrea. 
  • No-Brigid Kosgei waseKenya ngokophula irekhodi lehlabathi labasetyhini kumdyarho wemigama emide i-Chicago Marathon. Kunye no-Eliud Kipchoge ngokuthi abe yimbaleki yokuqala yemigama emide ngokubaleka umgama omde ixesha elingaphantsi kweeyure ezimbini; ngokuthi abaleke umdyarho wama-42 km ngexesha elingaphantsi kweeyure ezimbini.

Nabantu beRiphabliki yaseMozambique ngokubamba unyulo lukaMongameli, lePalamente nolwamaPhondo ngoLwesibini, umhla we-15 kweyeDwarha yowama-2019. IKhomishini yeMbumba yamaZwe ase-Afrika ibityale abakhi-mkhanyo kunye neengcali zezonyulo kwela lizwe ngokwesimemo esivele kuRhulumente waseMozambique.  

3. Izikhundla 

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo
3.1. Amalungu eBhodi ye-Central Energy Fund:
a. uGq Monde Mnyande (uSihlalo);
b. uNksz Nolubabalo Sondlo;
c. uMnu Nkululeko Poya; kunye
d. no-Adv Priakumari Hassan.

3.2. Amalungu etrasti e-Brand South Africa Trust: 
a. uNksz Thandi Tobias-Pokolo (uSihlalo)
b. uNksz Loretta Jacobus;
c. uNjing Yiva Rodny-Gumede;
d. uNksz Rashel Kalidass;
e. uNksz Muditambi Ravele;
f.  uGq Stavros Nicolaou;
g. uMnu Mlungisi Lulu Johnson;
h. uMnu Bushang Jacques Modipane;
i.  uMnu Johannes George Sebulela;
j.  uGq Keabetswe Modimoeng;
k. uNksz Tebogo Mamorobela;
l.  uNksz Sisanda Bukeka-Nkoala; kunye
m. noMnu Andrew Madella.

3.3. Amalungu eBhodi yabaLawuli yeNational Electronic Media Institute of South Africa: 
a. uNksz Molebogeng Leshabane (uSihlalo);
b. uNksz Bongekile Filana;
c. uNksz Tobeka Buswana;
d. uNjing Christian Adendorff;
e. uMnu Melvyn Lubega;
f.  uNksz Nomonde Hlatshaneni; kunye 
g.  noMnu Lionel Adendorf.

3.4. Amalungu eBhodi yabaLawuli beZiko leePosi laseMzantsi Afrika. 
a. uNksz Tshikani Colleen Makhubele (uSihlalo);
b. uMnu Ismail Mamoojee;
c. uNksz Nondumiso Pumela Ngonyama;
d. uMnu Kgamedi Albert Ramoadi;
e. uNksz Catharina van der Sandt;
f.  uNksz Nonzukiso Zukie Siyotula;
g. uMnu Zolani Kgosie Matthews (ummeli wombutho wabasebenzi); kunye 
h. noMnu Thomas Sipho Nkese (ummeli wombutho wabasebenzi).

3.5. Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Thobile Lamati njengoMlawuli- Jikelele (i-DG) kwiSebe lezeNgqesho nezabaSebenzi isithuba seminyaka emihlanu.

3.6. UNksz Simone Constance Geyer njengeSekela DG kwiSebe leMfundo esiSiseko (i-DBE).

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams –  isiThethi seKhabhinethi esiliBambela 
Iselula: 083 501 0139

 

 Union Building