Skip to main content
x

1.  Isifo seNtsholongwane i-Corona yowama-2019 (i-COVID-19) eMzantsi Afrika
 
1.1. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeziphumo zeendibano zokufakana imilomo ebezibanjwe nguMongameli Cyril Ramaphosa nemibutho yoluntu eyahlukeneyo. Iinjongo zezi ndibano ibikukuqinisekisa umba wokunyenyisa kususwa ilizwe kwisiGaba sesi-4 linyuselwa kwesesi-3 zifumana iinkxaso futhi namahlakani ezentlalo nawo avakalisa ezawo izimvo.

1.2. Ekhatshwa ngabaPhathiswa abohlukeneyo, uMongameli uye wadibana noluntu, abasebenzi kunye necandelo lezoshishini, iBhunga leeTyalike loMzantsi Afrika; iinkokheli zemibutho eyahlukeneyo yezenkolo; ooSodolophu; iiNkulumbuso, uMbutho woMzantsi Afrika oRhulumente baseKhaya (i-SALGA), iinkokheli zemveli kunye nemibutho yezopolitiko enabameli ePalamente.

1.3. IKhabhinethi ichulumancisiwe ziziphumo zezi ndibano zokufaka imilomo, ebezisakha futhi zanegalelo elimandla kwizicwangciso zokunyenyisa imigqaliselo silungiselela ukuya kwisiGaba sesi-3 esiza kuqalisa ngomhla woku-1 kweyeSilimela 2020. Esi sigaba siza kuquka ukuvula amacandelo amaninzi ezoqoqosho kuze kususwe nemiqathango ethintela ukuhamba-hamba kwabantu. Siza kuvulela nabemi boMzantsi Afrika abamalunga nezigidi ezisibhozo ukuba babuyele emisebenzini.

1.4. Kuza kuthathelwa ingqalelo ngamandla iindawo ezinabantu abaninzi abosulelwe sesi sifo nezithe zabona ukunyuka ngamandla kwamanani abantu abosulelwe yile ntsholongwane. Amasebe ezempilo amaphondo aza kuqalisa ngamanyathelo ezempilo okungenelela ingakumbi kwiindawo ezinabantu abaninzi abosulelwe sesi sifo afana nokuhlolwa ngamandla kwabantu bejongwa iimpawu zesi sifo, uvavanyo, ukugcinwa kwindawo eyodwa kubantu abanesi sifo kunye namaphulo othintelo.

1.5. IKhabhinethi iphinde yakubethelela ukuba iyawaxhasa la maphulo aqhutywa nguMongameli Ramaphosa okubonisana nomntu wonke awawaqala ukususela oko kwaqala imo yentlekele kwizwelonke ngomhla we-15 kweyoKwindla 2020. Ezi ndibano zenze kwalula ukuba onke amacandelo esizwe akwazi ukudlala indima kwidabi lokulwa lo bhubhane we-COVID-19, ukusindisa abantu ekubulaweni yile ntsholongwane kunye neempilo zabo.

1.6. Icandelo lezemisebenzi nobungcali lamaphulo okulwa i-COVID-29 likhokelwa liQumrhu leSizwe eliDibeneyo lezeMisebenzi nezobuNtlola (i-NATJOINTS) kunye neSebe lezeMpilo. I-NATJOINTS liqumrhu eliquka amacandelo amaninzi lokuququzelela eliphantsi korhulumente elithi livuselelwe ukuze lilawule amaphulo amakhulu.

1.7. I-COVID-19 NATJOINTS yenziwe ngamaqela azingcali aquka oosonzululwazi; ingcali zezempilo, iinjineli; abo bamele amaziko oLawulo lweeNtlekele zeSizwe; abacebisi bezomthetho; iziphathamandla ze-arhente zezokhuseleko nezogcino-mthetho zesizwe, kunye namaqela aphuma kumasebe ayinxalenye yentlanganisela yezoqoqosho nezempilo kunye neQumrhu labaLawuli-Jikelele boMzantsi Afrika (i-FOSAD).

1.8. I-NATJOINTS ifumana iingxelo kumasebe ahlukeneyo ize ingenise iziphakamiso kubaLawuli-Jikelele (ii-DG) ukuze zona ziqulunqe izindululo eziza kuthi zinikwe iBhunga leSizwe loLawulo lweNtsholongwane i-Corona (i-NCCC).

1.9. I-NCCC iye ixovule ezi zindululo zee-DG emva koko yenze ezayo izindululo izithumele kwiKhabhinethi apho iziphakamiso, eziquka imimiselo, zithi zivunywe khona. Le nkqubo iqinisekisa ukuba isiGqeba soLawulo (iKhabhinethi) sisonke sithatha izigqibo ekuvunyelenwe ngazo futhi neziquka izimvo zomntu wonke. Ke ngoko iKhabhinethi izigxeka kabukhali iingxelo ezibubuvuvu ezithi izigqibo nezindululo ze-NCCC neKhabhinethi zithathwa ngamalungu athile eKhabhinethi ewodwa.

1.10. IKhabhinethi icela ukuba kubanjiswane ngamacandelo onke esizwe kuliwe utshaba olunye noluze kakubi, olungubhubhane we-COVID-19.

1.11. IKhabhinethi ibamba ngazibini kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ngokuqhubeka nokuvuma ukuncama izinto ezithile nokubonisa ukuyiqonda ingxaki esikuyo ngethuba isizwe sivaliwe phantsi kwemiqathango ethile. Inyathelo likaMongameli Ramaphosa lokubhengeza imo yentlekele kwizwelonke elandela uMthetho woLawulo lweeNtlekeko, wowama-2002 (uMthetho uNombolo 57 wowama-2002) lincede kakhulu ukusindisa abantu bangabulawa ngulo bhubhane.

1.12.  Amanyathelo angqingqwa athatyathiweyo okulwa le ntsholongwane asithobe kakhulu isantya ibihamba ngaso le ntsholongwane nenani labantu ibiza kubosulela. Ukuvalwa kwesizwe phantsi kwemiqathango ethile kunike uMzantsi Afrika ithuba lokuba wenze amalungiselelo kwizibhedlele zikarhulumente nezabucala okulwa nengxaki egalelekileyo yokunyuka kwenani labantu abosulelwe yile ntsholongwane.

1.13. IKhabhinethi iyaqhubeka nokubongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba benze konke okusemandleni bona buqu ukuzikhusela bona kunye nabanye ukuze kuthintelwe ukunwenwa kwale ntsholongwane.

1.14. AbaPhathiswa bamasebe ahlukeneyo baza kunika ingcaciso epheleleyo kwiindibano noonondaba eziza kubanjwa namhlanje, uLwesine umhla wama-28 kuCanzibe nangomso, uLwesihlanu umhla wama-29 kuCanzibe 2020.

Izigqibo zeKhabhinethi

2. Ukwakha isiKhululo i-Deep Space Ground


2.1. IKhabhinethi ivumile ukuba i-South African National Space Agency (i-SANSA) ityikitye isivumelwano sentsebenzisane ne-National Aeronautics and Space Administration (u-NASA) yakhe i-Deep Space Ground Station. Esi sikhululo, siza kwakhiwa eMatjiesfontein eNtshona Koloni, siza kuncedisa kwizipheke-pheke xa zisiya eNyangeni, ku-Mars nangaphaya.

2.2. Esi sikhululo siza kuba yinxalenye yezi zikhululo zintathu zikhoyo zifana nesi: esinye sise-United States of America, esinye e-Spain size esinye sibe se-Australia. Njengesikhululo sesine, siza kusebenzisana nezi zintathu zikhoyo sincedise ngobuxhaka-xhaka boncedo kumaphulo okuya emajuku-jukwini. Esi sikhululo siza kusetyenziswa, silungiswe size sibe phantsi kolawulo lwe-SANSA.

2.3. Esi sikhululo siza kunceda uMzantsi Afrika kumaphulo awo okuphuhlisa izakhono ezinqongopheleyo kunye nokukhula kwecandelo lezenzululwazi, lezobunjineli, ezobuchwepheshe nelezokuyila. Siza kunika amathuba okukhwezela uqoqosho, kuze kunyuke nomthamo wophando-nzulu kwinzululwazi nobuchwepheshe bezasemajuku-jukwini.

3. IPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weeNkonzo zoMlilo

3.1. IKhabhinethi ilivumile iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weeNkonzo zoMlilo. Eli Phepha liCacisa uMgaqo-nkqubo linika ingcaciso ngemigaqo-nkqubo ekuza kusekelwa kuyo imithetho yeenkonzo zomlilo eza kungena kulo Mthetho ukhoyo weeNkonzo zeziCima-mlilo, wowe-1987 (uMthetho uNombolo 99 wowe-1987).

3.2. Linika ingcaciso ngendima noxanduva likarhulumente kazwelonke nowamaphondo kumalinge okuxhasa oomasipala. Ukuqinisekisa ukuba le nkonzo ihlala ihambelana neendlela zale mihla zokulawula iintlekele zomlilo, icebisa ukuba kuvulwe icandelo lophando-nzulu noqokelelo lweenkcukacha.

3.3. Iinjongo zalo ezibanzi kukuqinisekisa ukuba liyahambelana neminye imithetho yolawulo eyaphunyezwa emva kowe-1994 enxulumene norhulumente bamakhaya. Kubanjwe iindibano zokufakana imilomo ezininzi namahlakani afanelekileyo noluntu ngokubanzi. 

4. Imisebenzi yeKhabhinethi kwiNqanaba lesi-3

4.1. IKhabhinethi ivumile ukuba phantsi kweNqanaba lesi-3, eliza kuqala ngoMvulo, umhla woku-1 kweyeSilimela 2020, iza kuqala ukusebenzisa iindlela ezahlukeneyo zokusebenza eziquka iintlanganiso zeKhabhinethi eziza kubanjwa ngokuthi kudityanwe buqu neziza kubanjwa kusetyenziswa ubuxhaka-xhaka bevidiyo.

4.2. IKhabhinethi ivumile nokuba kubekho iqela eliza kuba liliso eliza kwenziwa ngabaPhathiswa nooSekela-baphathiswa. Ngamnye kubo sele abelwe kwezi zizithili noomasipala abambaxa bangama-52 ukuze babeke iliso kwindlela aqhuba ngayo amalungiselelo okulwa ukunwenwa kwe-COVID-19.

Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. IBhodi ye-Council for Mineral Technology (i-MINTEK): 

  • uGq Vanguard Mbuyiseli Mkosana (USihlalo);
  • uNksz Ntokozo Faith Ngcwabe – ISebe lemiThombo yeziMbiwa naMandla (i-DMRE);
  • uMnu Rantsadi Andries Moatshe (ilungu elitshintsha-tshintshayo);
  • uGq Maropeng Walter Ngobeni;
  • uNjing Lindiwe Zungu;
  • uMnu Philippus Rudolf Heydenrich;
  • uNksz Pontsho Maruping;
  • uMnu Harold Motaung;
  • uNks Phydelis Ntombifuthi Zikalala-Mvelase;
  • uNks Margaret Mosibudi Phiri;
  • uMnu Lefadi Lucas Makibinyane; kunye
  • noGq M Motuku.

2. IBhodi ye-Council for Geoscience:

  • uGq Humphrey Lawrence Mbendeni Mathe (uSihlalo);
  • uMnu Andries Moatshe (i-DMRE);
  • uGq Thuli Khumalo (ISebe lezeNdalo, ezamaHlathi nezokuLoba);
  • uMnu Sanelo Malaza (ilungu elitshintsha-tshintshayo);
  • uNksz Rosalind Mdubeki (iSebe lezoPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba);
  • uNksz Pontsho Tsotetsi (ilungu elitshintsha-tshintshayo);
  • uNksz Deborah Mochothli (iSebe lezaManzi noGutyulo);
  • uMnu Paul Nel (ilungu elitshintsha-tshintshayo);
  • uGq Jennifer Mirembe;
  • uMnu Smunda Mokoena;
  • uMnu Xolisa Mvinjelwa (icandelo lezemigodi);
  • u-Adv Ntika Maake;
  • uNksz Adila Chowan (icandelo lezorhwebo);
  • uMnu B Gerryts (iSebe leNzululwazi nezoYilo);
  • uMnu Lebogang Madiba (uNondyebo weSizwe); kunye
  • noMnu Moses Mabuza – iGosa eliyiNtloko lesiGqeba soLawulo (i-CEO).

3.  Abalawuli abangekho kwisigqeba solawulo kwiBhodi ye-Ports Regulator of South Africa: 

  • uMnu Zolani Kgosietsile Matthews (uSihlalo);
  • uNksz Siphokazi Matolengwe;
  • uMnu Asraf Mohamed Adam;
  • uNksz Leanda-Marsha Vilakazi;
  • uNksz Kenosi Selane; 
  • uMnu Zola Fihlani;
  • uGq Tshisikawe Victor Munyama; kunye
  • noNksz Zandile Kabini.

4.  UMnu Abel Moffat SithoIe njengeGosa eliyiNtloko lesiGqeba soLawulo (i-CEO) ye-Public Investment Corporation. 
5.  UNksz Phumla Williams i-DG yeQumrhu loSasazo loLwazi noNxibelelwano lukaRhulumente (i-GCIS).

Imibuzo:
Ms Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139

 Union Building